Ezekiel 42:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yati kum: Inkambili zasenode, n enkambili zasesuyide, ezingapambi kwendawo eyahlukileyo, ezi zinkambili ezingcwele, apo abaperisite, abasondelayo kuyehova, baya kuzidla kona izinto eziyingcwele yezingcwele: kona apo baya kubeka izinto eziyingcwele yezingcwele, nomnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba indawo leyo iyingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum, Amagumbi angasentla namagumbi angasezantsi, aphambi kwendawo eqhiwukileyo, wona ngamagumbi angcwele, apho ababingeleli abasondelayo kuYehova baya kudlela khona ezona nto zingcwele; apho baya kuzibeka khona ezona nto zingcwele, umnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba le ndawo ingcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahlabela mgama wathi kum: “Amagumbi angasentla nangasezantsi phambi kwendawo engasese, ngawo lawo amagumbi angcwele, apho ababingeleli abasondela kuYehova baya kudlela khona izinto ezingcwele; nomnikelo wokudla, nedini lesono, nedini letyala; ngokuba le ndawo ingcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le ndoda yathi kum: “Amagumbi angasentla nangasezantsi ajonge intendelezo yendlu kaThixo ngawababingeleli, apho, xa besondela *kuNdikhoyo, batyela khona eyona minikelo ingcwele. Kulapho baya kugcina khona awona madini yeyona minikelo ingcwele – eyokutya, eyesono, neyetyala – kuba yindawo engcwele.