Ezekiel 42:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boti bakungena abaperisite, kebangapumi kweyingcwele indawo ukuya ebaleni langapandle, koko beya kubeka kona izivato zabo abakonza ngazo, ngokuba ziyingcwele zona; babeya kwambata izivato zimbi, basondele kweyeyabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakungena ababingeleli, mabangaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; bozibeka apho iingubo zabo, abalungiselela benazo, ngokuba zingcwele; mabambathe ngubo zimbi, basondele ke kokwabantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakungena ababingeleli, abaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; ngokuba bangcwele; yaye baya kunxiba ezinye iimpahla baze basondele kwizinto zabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakuba ababingeleli bengene kulo mhlaba uwodwa abanako ukuphumela kwintendelezo engaphandle de babe bazishiye ngaphakathi izambatho ababesebenza ngazo, kuba zingcwele. Kufuneka bafake zambatho zimbi xa beza kusondela kumhlaba osikelwe abantu.”