Ezekiel 42:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yayilinganisa ngamacala omane; ibinodonga ngento engqongayo, lungamakulu mahlanu engcongolo ubude balo, namakulu mahlanu ububanzi balo, kuze kwahlulwe pakati kwokungcwele nokungengcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngamacala omane wayilinganisa. Inodonga olujikelezileyo ngeenxa zonke; ubude bangamakhulu amahlanu, nobubanzi bangamakhulu amahlanu, ukuze kwahlulwe phakathi kokungcwele nokuhlambeleyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayilinganisa emacaleni omane, yaba ludonga ngeenxa zonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko yenza umlinganiso wamacala omane ale ndawo. Yayirhangqwe ludonga olubude buziimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu, nobubanzi obuziimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu. Olu donga lwalusahlula indawo engcwele kumndilili.