Ezekiel 42:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba zibe zinenkambili ezintatu, kodwa bezingenazo intsika njengentsika zamabala; ngako oko eyapezulu ibifinyele pezu kwezasezantsi napezu kwezapakati kwa semhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ebendidi ntathu wona, engenazintsika, njengokuba iintendelezo zineentsika: ngenxa yoko kwarhoxiswa kwala angaphantsi kwanala aphakathi esikhundleni sawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ayekwimigangatho emithathu, kodwa ayengenazintsika njengeentsika zasemasimini; ngenxa yoko isakhiwo sasikumgangatho ophantsi kunowasezantsi nophakathi ukusuka emhlabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amagumbi omgangatho wesithathu ayengenazo iintsika njengoko kwakunjalo kwintendelezo; ngako oko ayemancinane kunalawo omgangatho osezantsi nophakathi.