Ezekiel 43:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bebunjengokubonakala kwesibonakalo endasibonayo — njengesibonakalo endasibonayo ekuzeni kwam ukutshabalalisa isixeko; nezibonakalo bezinjengesibonakalo endasibonayo ngasemlanjeni we‐Kebare; ndaza ndawa ebusweni bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imbonakalo ke endayibonayo, ukubonakala kwayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuya kuwonakalisa kwam umzi; kwakukho neembonakalo ezinjengeembonakalo endazibonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ke ngobuso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Imbonakalo ke endayibonayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuba ndiya kuwonakalisa umzi; ubuso bebunjengobuso endabubonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ngobuso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbono endawubonayo nqwa nalowo ndawubonayo mhlenikwezeni wayeze kutshabalalisa isixeko, kwanaloo mibono ndayibonayo phezu komlambo iKebhare, ndaza ke mna ndalala tywaa ndifihla ubuso.