Ezekiel 43:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kum: Nyana woluntu! le yindawo yeterone yam, nendawo yomzantsi wenyawo zam, apo ndiya kuhlala kona pakati kwosapo luka‐Sirayeli kude kube ngunapakade; kanjalo igama lam elingcwele indlu ka‐Sirayeli ayiyi kubuya ilinco̔lise, kwa bona nokumkani babo, ngombulo wabo, nangezidumbu zokumkani babo, pezu kwendawo ezipakamileyo zabo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum, Nyana womntu, khangela indawo yetrone yam, indawo yomphantsi weenyawo zam, apho ndiya kuhlala khona phakathi koonyana bakaSirayeli ngonaphakade; ingabi salenza inqambi igama lam elingcwele indlu kaSirayeli, bona nookumkani babo, ngobuhenyu babo, nangezidumbu zookumkani babo ezigangeni zabo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kum, Nyana womntu, nantsi indawo yetrone yam, indawo yeenyawo zam, apho ndiya kuhlala khona phakathi koonyana bakaSirayeli ngonaphakade, lingayenzi inqambi igama lam elingcwele indlu kaYehova. Sirayeli kwakhona nookumkani bazo neempahla zabo, nezidumbu zookumkani bazo kwiindawo zabo ezizukileyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi: “Mntundini, le yindawo yesihlalo sam nendawo endibeka kuyo iinyawo zam. Kulapha apho ndiza kuhlala khona phakathi kwamaSirayeli ngonaphakade. Indlu kaSirayeli ayisokuze iphinde ilixabhele igama lam elilodwa – nditsho wona neekumkani zawo – ngobuhenyukazi bawo nangokwenza iindawo eziphakamileyo zokungcwaba izidumbu zookumkani.