Ezekiel 43:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokumisa umnyango wabo ndawonye nomnyango wam, nomgubasi wabo ngecala lomgubasi wam; ngokuba ludonga kodwa obelupakati kwam nabo: ewe, banco̔lisa igama lam elingcwele ngezinto zabo ezibuntshontsho abazenzileyo; ngako ndabagqibela ngengqumbo yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ekumiseni kwabo umbundu womnyango wabo ngasembundwini womnyango wam, nemigubasi yabo ecaleni lemigubasi yam, iludonga lodwa phakathi kwam nabo; belenze inqambi ke igama lam elingcwele, ngamasikizi abo abawenzayo. Ndabagqibela ke ngomsindo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngokubeka iingcango zabo ezingcangweni zam, nemigubasi yazo emigubasini yeminyango yam, balubeka eludongeni phakathi kwam nabo, balenze inqambi igama lam elingcwele ngamasikizi abo abawenzileyo; ke ngoko, ndabatshabalalisa ngomsindo wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athi akuyibeka imigubasi yawo ngakweyam, nemigubasi yeengcango zawo ngakweyeengcango zam, saza sahlulwa nje ludonga, alinyelisa igama lam ngezenzo zawo ezimanyumnyezi. Ke mna ndawatshabalalisa ndisemsindweni.