Ezekiel 44:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naba‐Levi abakwelela kude kum, bakuti o‐Sirayeli balahleka, abalahlekayo kum emva kwezitixwana zabo, bona baya kutwala ityala labo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kwanabaLevi, abakhwelelayo kude kum, ekundwendweni kwamaSirayeli awandwendwayo kum, alandela izigodo zawo, aya kubuthwala ubugwenxa bawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke bona abaLevi, abakreqayo kum, ekundwendweni koonyana bakaSirayeli, abandwendwela kude kum, balandela izigodo zabo; bobuthwala nabo ubugwenxa babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kuphela ngabaLevi abamelwe kukulawula isibingelelo sam, kanti abaLevi basuke bandityeshela ngexesha lokukreqa kwamaSirayeli, baza bahambela kude nam ngenxa *yezithixo zabo. Ke ngoko ndiyabohlwaya ngenxa yesono sabo.