Ezekiel 44:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yokuba bebekonza kubo pambi kwezitixwana zabo, baba sisiku̔bekiselo setyala kwindlu ka‐Sirayeli; ngako oko ndipakamisile isandla sam ngakubo, itsho inkosi e nguyehova, babeya kutwala ityala labo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa enokuba babalungiselelayo phambi kwezigodo zabo, baba sisikhubekiso sobugwenxa kwindlu kaSirayeli, ngenxa yoko ndibaphakamisele isandla sam, itsho iNkosi uYehova, ukuba babuthwale ubugwenxa babo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba babebakhonza phambi kwemifanekiso yabo eqingqiweyo baza babangela ukuba indlu kaSirayeli iwekele ebubini; ngako oko ndibaphakamisele isandla sam, itsho iNkosi uYehova, ukuba babuthwale ubugwenxa babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ngenxa yokuba abantu babenzele amadini noxa bekhonza izithixo, baza ngokwenjenjalo bayeyelisela esonweni indlu kaSirayeli, ndamisa isibhozo ndisithi baza kohlwaywa ngeziphoso zabo, utsho uMhlekazi uNdikhoyo.