Ezekiel 44:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bengayi kusondela kum, ukuza kundikonza ngobuperisite, nokusondela kuzo zonke izinto ezingcwele zam, kweyingcwele yezingcwele indawo; koko beya kutwala ihlazo labo, nezinto ezibuntshontsho zabo abazenzileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abayi kufika kum, ukuba benzelelele kum, bangafiki kwiingcwele zam zonke, kwingcwele kangcwele yam; baya kuthwala ke ihlazo labo namasikizi abo abawenzileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abayi kufika kum ukuze bandenzele ububingeleli, bangasondeli kwiingcwele zam zonke, kwingcwele kangcwele; baya kulithwala ihlazo labo, namasikizi abo abawenzileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abayi kusondela kum bandilungiselele okwababingeleli, bengayi kusondela nakwiminikelo yam engcwele okanye bangene kweyona ndawo yam ingcwele. Mabalithwale ihlazo lezenzo zabo ezimanyumnyezi.