Ezekiel 44:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti abaperisite, aba‐Levi, onyana baka‐Tsadoki, abagcinayo isigcinelo seyingcwele indawo yam, lwakuti usapo luka‐Sirayeli lwalahleka kum, bona baya kusondela kum ukuza kundikonza; babeya kuma ebusweni bam, ukuba banikele inqata negazi kum, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke bona ababingeleli abaLevi, oonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sengcwele yam, ekundwendweni koonyana bakaSirayeli kum, bosondela bona kum, ukuba bandilungiselele, beme phambi kwam, ukuba basondeze kum inqatha negazi; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke bona ababingeleli babaLevi, oonyana bakaTsadoki, abawugcinayo umsebenzi wengcwele yam, ekundinikeleni kwabo oonyana bakaSirayeli, bosondela bona kum, ukuba bandilungiselele, beme ngakum, ukuba bandinike ioli kunye namafutha igazi, itsho iNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa ababingeleli abangabaLevi omnombo kaZadoki, bona bathi banyaniseka emsebenzini wesibingelelo xeshikweni amaSirayeli ayekreqile, bona bangasondela babingelele phambi kwam, benze iminikelo yamanqatha negazi, itsho iNkosi uNdikhoyo.