Ezekiel 44:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, bakungena emasangweni alo ibala lapakati, izivato zeqiya baya kuzambata; akuyi kuza pezu kwabo nento yoboya, nxa bakonzayo emasangweni elapakati ibala, nangapakati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, ekungeneni kwabo ngamasango entendelezo ephakathi, bambathe iingubo zelinen; kungabikho nto yoboya kubo ekulungiseleleni kwabo emasangweni entendelezo ephakathi, naxa bakuyo indlu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekungeneni kwabo ngamasango entendelezo ephakathi, bonxiba ilinen emhlophe; kungabikho boya kuzo ekukhonzeni kwabo emasangweni entendelezo ephakathi, nakwintendelezo ephakathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa bengena emasangweni entendelezo ephakathi mabanxibe impahla yelinen; mabanganxibi impahla eyenziwe ngoboya ngexesha balungiselelayo kwinkundla engaphakathi okanye ngaphakathi endlwini kaThixo.