Ezekiel 44:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni bapumela ebaleni langapandle, ebaleni langapandle ebantwini, baya kususa izivato zabo ababekonza ngazo, bazibeke ezinkambilini ezingcwele, bazambate izivato zimbi; abayi kubangcwalisa abantu zinezivato zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bothi, ekuphumeni kwabo, besinga entendelezweni engaphandle, entendelezweni engaphandle besiya ebantwini, bazihlube iingubo zabo ababelungiselela benazo, bezibeke emagumbini angcwele, bambathe ngubo zimbi, bangabangcwalisi abantu ngeengubo zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekuphumeni kwabo baya entendelezweni engaphandle, entendelezweni engaphandle kwabantu, bazihluba iingubo zabo ababefudula belungiselela ngazo, bazibeke emagumbini angcwele, bambathe ngubo zimbi; yaye abazange bazihlambe ngeempahla zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa bephumela kwinkundla engaphandle, apho kuhleli abantu, kufuneka bayikhulule impahla ebebelungiselela ngayo, bayishiye kumagumbi awodwa, baze banxibe enye, ukuze bangababeki esichengeni abantu ngempahla abayinxibileyo.