Ezekiel 44:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wati kum: Isango eli loba livaliwe, aliyi kuvulwa, kanjalo akuyi kungena mntu ngalo; ngokuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, engenile ngalo; ngako loba livaliwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wathi kum, Eli sango liya kuhlala livaliwe; aliyi kuvulwa, akuyi kungena mntu ngalo; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli ungene ngalo; liya kuhlala livaliwe ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kum; Olu cango lumele luvalwe, lungavulwa, kungangeni bani ngalo; ngokuba uYehova, uThixo kaSirayeli, ungene ngalo, liya kuvalwa ke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi *uNdikhoyo kum: “Eli sango malihlale livaliwe. Lize lingavulwa; kungangeni mntu ngalo. Liza kuhlala livaliwe kuba uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ungene ngalo.