Ezekiel 44:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo umhlolokazi, nalowo olahliweyo, abayi kubazeka babe ngabafazi babo: kodwa intombi zipela kuyo inzalo yendlu ka‐Sirayeli, umhlaumbi umhlolokazi oya kuba ngumhlolokazi womperisite, bangabazeka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umhlolokazi nomfazi owaliweyo mabangabazeki babe ngabafazi babo; bozeka iintombi eziziintombi kwimbewu yendlu kaSirayeli, kwanomhlolokazi othe waba ngumhlolokazi wombingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abafanele bathabathe abafazi babo mhlolokazi okanye oshiywe lixesha, kodwa bafanele bathabathe iintombi zesizwe sendlu kaSirayeli okanye umhlolokazi owayenombingeleli ngaphambili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abanakutshata umhlolokazi okanye umfazi owaliwe yindoda; bangatshata intombi yomnombo kaSirayeli kuphela, kungenjalo umhlolokazi wombingeleli.