Ezekiel 44:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasekupikweni bona baya kuma ukugweba; ngezigwebo zam baya kukugweba; nemiteto yam, nemimiso yam, kuzo zonke intlanganiso zam, baya kuyigcina; nesabata zam baya kuzenza ngcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekubambaneni kwabantu mabeme bona, bagwebe ngokwamasiko am, bagcine imiyalelo yam nemimiselo yam ngamaxesha am onke amisiweyo, bazingcwalise iisabatha zam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ekulweni baya kuma ematyaleni; kwaye baya kuligweba ngokwemithetho yam; niyigcine imiyalelo yam nemimiselo yam emabandleni am onke; bazingcwalise iisabatha zam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa kukho iimbambano kuya kwahlula ababingeleli. Ze bakwenze oko ngokwemimiselo yam. Baya kuyithobela imigaqo, bayilulamele imimiselo ejongene nayo yonke imisitho emiselweyo, bajonge ukuba *neMihla yokuPhumla ibe yimihla eyodwa.