Ezekiel 44:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abayi kuza ngakuye namnye umntu ofileyo ukuzinco̔lisa; kodwa uyise, nonina, nonyana, nentombi, n omninawe, nodade ongenayo indoda, bangazinco̔lisela bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mabangayi emntwini ofileyo, bazenze iinqambi; kungaba kungoyise, nonina, nonyana, nentombi yabo, nomzalwana, nodade wabo ongabanga nandoda, abangazenza iinqambi ngabo, bona bodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abasondelanga emntwini ofileyo, ukuba bamenze inqambi; kodwa ngoyise, nonina, nonyana, nentombi yakhe, nomzalwana wakhe, nodade wabo, abangabanga nandoda, bangazenza iinqambi bona, bona ngokwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Umbingeleli maze angazifaki umlaza ngokusondela esidumbini somntu; kodwa xa isidumbu isesoyise kungenjalo unina, unyana kungenjalo intombi, umntakwabo kungenjalo udade wabo ongatshatanga, angasondela kuso.