Ezekiel 44:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya kudla umnikelo wokudla, nedini lesono, nedini letyala; nako konke okwahlukanisiweyo kwa‐Sirayeli kwoba kokwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umnikelo wokudla, nedini lesono, nedina letyala, bodla ezo zinto bona; zonke izinto ezisingelwe phantsi kwaSirayeli ziya kuba zezabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Idini elinyukayo, nedini lesono, nedini letyala, bolidla bona; yaye yonke into engcwalisiweyo kwaSirayeli yoba yeyabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kutya iminikelo yokutya, neyamadini esono, nawetyala; nayo yonke into kwaSirayeli eyinxaxheba kaNdikhoyo iya kuba yeyabo.