Ezekiel 44:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lelenkosi; inkosi inguye oya kuhlala kulo, ize isidle isonka ebusweni bukayehova; ngendlela yentendelezo yesango iya kungena, nangendlela yayo iya kupuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isikhulu, sisikhulu nje, siya kuhlala kulo, ukuba sidle ukudla phambi koYehova. Songena ngendlela yasevarandeni yesango, siphume kwangendlela yayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Le nto yokumkani; sihlale khona isikhulu, sidle isonka phambi koYehova; wangena ngevaranda yesango waphuma wahamba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yinkosi kuphela komntu onokuhlala ngaphakathi kwesango atye phambi kukaNdikhoyo. Iya kungena ngevaranda yesango, ize ibuye iphume kwangayo.”