Ezekiel 44:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yandizisa ngendlela yesango lasenode ngapambi kwendlu; ndaza ndakangela; kekaloku bona ke, ubungcwalisa bukayehova bebuzalisile indlu; ndaza ndawa ebusweni bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wandisa ngendlela yesango langasentla, ebeyiphambi kwayo indlu; ndakhangela, nabo ubuqaqawuli bukaYehova buyizalisile indlu kaYehova; ndawa ngobuso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yandisa ngendlela yesango lasentla, phambi kwendlu; Ndakhangela, nango ubuqaqawuli bukaYehova buyizalisile indlu kaYehova, ndawa ngobuso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Indoda yandisa phambi kwendlu kaThixo ngesango elingentla. Ndakhangela ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo buyizalisa indlu kaThixo, ndacambalala ndifihla ubuso.