Ezekiel 44:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova esiti kum: Nyana woluntu! bekela intliziyo yako, ubone ngamehlo ako, uve ngendlebe zako, konke endiya kukuteta kuwe ngayo yonke imimiselo yendlu kayehova, nangayo yonke imiteto yayo; uze ubeke intliziyo yako ngasendaweni yokungena yendlu, kunye nazo zonke indawo zokupuma zeyingcwele indawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum uYehova, Nyana womntu, gqala ngentliziyo yakho, ubone ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, konke endisukuba ndikuthetha kuwe, ngokusingisele kwimimiselo yonke yendlu kaYehova, nangokusingisele kwimiyalelo yayo yonke; ukugqale ngentliziyo yakho ukungena endlwini le, ezindaweni zonke zengcwele ekuphunywa ngazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kum: “Nyana womntu, phulaphula, ubone ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, konke endikuxelela kona ngemithetho yonke yendlu kaYehova, nemithetho yayo yonke; uze unikele ingqalelo emnyango wendlu, nayo yonke indlela yokuphuma engcweleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uNdikhoyo kum: “Mntundini, jongisisa ngamehlo akho, uphulaphule kakuhle ngeendlebe, uze ukuthathele ingqalelo konke endiza kukuxelela kona ngemigaqo yonke ebhekiselele kwindlu kaNdikhoyo. Bathathele ingqalelo bonke abangenayo nabaphumayo emasangweni esibingelelo.