Ezekiel 44:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ekubeni nibangenisile abasemzini, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo nangenyama, babe kuyo eyingcwele indawo yam, ukuza kuyinco̔lisa indlu yam; nakunikela isonka sam, inqata negazi, baza bona balwapula ucebano lwam, ngapezu kwazo zonke izinto ezibuntshontsho zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
okubangenisa kwenu oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, ukuba babe sengcweleni yam, ukuba bayihlambele indlu yam le, nakusondeza ukudla kwam, amanqatha negazi. Umnqophiso wam nawaphula ke phezu kwamasikizi enu onke;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba ningenise abasemzini engcweleni yam, njengesiqalekiso entliziyweni yam, nesiqalekiso enyameni yam, ukuba babe sengcweleni yam, ukuze niyenze inqambi eyindlu yam, ekusikhupheni kwenu isonka sam, namanqatha, negazi; bandimisa ke ngenxa yamasikizi akho onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
xeshikweni ninikela kum ngokutya, nangamanqatha, negazi, nide nangenisa esibingelelweni sam iintlanga ezingandikhonziyo ezingalukanga. Ngokwenjenjalo nasinyelisa isibingelelo, nawutyeshela umnqophiso wam ngamanyundululu enu.