Ezekiel 44:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Osukuba engowasemzini, ongalukileyo ngentliziyo, ongalukileyo nangenyama, akayi kungena kweyingcwele indawo yam, kubo bonke abasemzini abapakati kwosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bonke oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, abayi kungena engcweleni yam, bakubo bonke oonyana bolunye uhlanga, abaphakathi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova ukuthi, Makungabikho mntu wasemzini ontliziyo ikrexezayo, ongathembekanga ngenyama, oya kungena engcweleni yam, ongowasemzini ophakathi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akukho ntlanga ingalukanga engandikhonziyo iya kungena esibingelelweni sam, nditsho nkqu nomngeneleli ohlala phakathi kwamaSirayeli.