Ezekiel 45:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nommiselo wayo ioli, ibate yeoli, niya kunikela isiqingata seshumi sebate kuyo ikore, — ihomere yebate ezilishumi; ngokuba ibate ezilishumi ziyiyo ihomere.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nomlinganiso omisiweyo weoli, webhate yeoli, nirhume isahlulo seshumi sebhate ekoreni, ezibhateni ezilishumi ehomereni ke; kuba iibhate ezilishumi ziyihomere.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umlinganiso weoli, webhate yeoli, wenze isahlulo seshumi sebhate yonkozo, ezibhate ezilishumi ehomereni ke; kuba iibhate ezilishumi yihomere.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umlinganiselo omiselweyo wamafutha, ngokomlinganiso webhati sisishumi seebhati kwikore nganye (emlinganiso wayo lishumi leebhati okanye ihomere enye, kuba ishumi leebhati lilingana nehomere).