Ezekiel 45:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nemvana inye yasemhlambini, kuwo amakulu mabini, ivela emaṙiweni acenceshiweyo akwa‐Sirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini lokutshiswa, neyeminikelo yoxolo, kuze kubaxoliselwe, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Norhuma ixhwane libe linye empahleni emfutshane engamakhulu amabini, yasemakriweni anamanzi akwaSirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini elinyukayo, neyemibingelelo yoxolo, ukuba bacanyagushelwe; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nexhwane libe linye empahleni emfutshane engamakhulu amabini, emakriweni achumileyo akwaSirayeli; libe lidini elinyukayo, libe lidini elinyukayo, libe lidini lombulelo, ukubacamagushela; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona makuthatyathwe igusha ibe nye kumhlambi wamakhulu amabini odla kumadlelo aluhlaza akwaSirayeli. Zona ke zosetyenziswa neminikelo yokutya, amadini atshiswayo, neminikelo yobudlelwane yokungxengxezela abantu,’ itsho iNgangalala uNdikhoyo.