Ezekiel 45:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kwenje njalo nangowesixe̔nxe umhla wenyanga, ngenxa yalowo uposisayo, nangenxa yosidenge; kwa njalo ke niya kuxolisela indlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kwenjenjalo nangolwesixhenxe enyangeni leyo, ngenxa yomntu olahlekayo, nangenxa yosisiyatha, niyicamagushele indlu le.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze wenjenjalo nangolwesixhenxe enyangeni leyo, ngenxa yabo bonke abaphambukayo, nabamsulwa; ngoko ke kufuneka ulungelelanise indlu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuya kuphinda kwenziwe njalo ngosuku lwesixhenxe enyangeni, kusenzelwa lowo ungaba wone engaqondanga okanye ebangwa kukungazi; nendlu kaThixo yocanyagushelwa kwangolu hlobo.