Ezekiel 45:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isabiwo esingcwele selizwe soba sesabaperisite, abakonzi beyingcwele indawo, abaya kusondela ukuza kumkonza uyehova; soba yindawo yezindlu zabo, nendawo engcwele ibe yeyingcwele indawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yona yoba yinto engcwele kulo ilizwe elo; ilunge nababingeleli, abalungiseleli bengcwele, abasondela ukuba balungiselele kuYehova; ibe yindawo yezindlu zabo, indawo engcwele ilunge nengcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indawo engcwele kulo ilizwe iya kuba yeyababingeleli, abakhonzi bengcwele, abasondela ukuba bakhonze uYehova; yoba yindawo yezindlu zabo, nendawo engcwele yengcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Siya kuba ngumhlaba owodwa osikelwe ababingeleli abakhonzayo endlwini kaThixo nabasondelayo ukuza kubingelela phambi kukaNdikhoyo. Ziya kwakhiwa apho izindlu zabo, ibe lapho nendawo eyodwa yokumisa isibingelelo.