Ezekiel 46:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni inkosi iya kulenza ngesisa idini lokutshiswa, umhlaumbi iminikelo yoxolo ngesisa, kuyehova, iya kwandula ivulelwe isango elibeka ngasempumalanga, yaiya kwenza idini lokutshiswa layo, neminikelo yoxolo yayo, njengoko ibikwenza ngomhla wesabata; yandule ipume, kuvalwe isango emveni kwokupuma kwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa sithe isikhulu samenzela uYehova idini elinyukayo ngokuqhutywa yintliziyo, nokuba yimibingelelo yoxolo ngokuqhutywa yintliziyo, malivulwe isango elibheke empumalanga, silungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, njengoko silungiselelayo ngomhla wesabatha; siphume ke;balivale isango emva kokuphuma kwaso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ukumkani uthe walungiselela ukwenza idini elinyukayo, nokuba yimibingelelo yombulelo kuYehova, womvulela isango elibheke empumalanga, alilungiselele idini lakhe elinyukayo nemibingelelo yakhe yombulelo, njengoko ebesenza ngomhla wesabatha; kufuneka uphume ngoku; yaye emva kokuba ephumile, omnye uyavala isango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa inkosi yenza umnikelo kuNdikhoyo iqhutywa yintliziyo, nokuba lidini elitshiswayo, okanye umnikelo wobudlelwane, iya kuvulelwa isango elingasempuma. Idini layo elitshiswayo okanye umnikelo wobudlelwane iya kuwunikela njengoko isenza ngoMhla wokuPhumla. Yophuma ke, ize ithi yakuphuma livalwe isango.