Ezekiel 46:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa ipayo isipo elifeni layo kwesinye sezicaka zayo, soba sesaso kude kube ngumnyaka wenkululeko, sandule sibuyele kwinkosi; ilifa layo loba lelonyana bayo kupela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa sithe sampha omnye kubakhonzi baso isipho elifeni laso, soba sesalowo, kude kuse kumnyaka wenkululeko, sibuyele kwisikhulu; ilifa laso loba leloonyana baso bodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba sithe sampha omnye kubakhonzi baso isipho elifeni laso, soba sesalowo kude kube ngumnyaka wenkululeko; emva koko iya kubuyela kukumkani, libe lilifa loonyana bakhe kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ukuba ithathe umhlaba elifeni layo ize iphe isicaka sayo, loo mhlaba siwuphiweyo isicaka ngowaso de kufike unyaka wenguqulelo; ngelo thuba ke wobuyela enkosini. Ilifa layo leloonyana bayo kuphela.