Ezekiel 46:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo inkosi ayiyi kutabata elifeni labantu ngokubagxota emfuyweni yabo; kweyayo imfuyo iya kunika onyana bayo ilifa; ukuze kungacitwa abantu bam abanye ngabanye emfuyweni yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isikhulu eso asiyi kuthabatha elifeni labantu, ukuze sibaxinzelele phantsi, bahlukane nenzuzo yabo. Sobadlisa oonyana baso ilifa kweyeyaso inzuzo; ukuze bangabi lusali abantu bam, elowo ahlukane nenzuzo yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isikhulu asibanyathelanga ilifa labantu, ukuba sibagxothe empahleni yabo; Kodwa uya kubanika oonyana bakhe ilifa ebutyebini bakhe, ukuze bangabi lusali abantu bam, elowo elifeni lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inkosi mayingabahluthi abantu ilifa labo, ibagxothe emhlabeni wabo. Ilifa loonyana bayo maliphume kumhlaba wayo, ukuze kungabikho mntu uhluthwa umhlaba wakhe.’ ”