Ezekiel 46:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yati kum: Le yindawo apo abaperisite baya kupeka kona idini letyala nedini lesono, apo baya kuwoja kona umnikelo wokudla, ukuze bangapumi nawo ukuya ebaleni langapandle ukungcwalisa abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum, Le yindawo apho ababingeleli bophekela khona idini letyala, nedini lesono. Bosela khona umnikelo wokudla, ukuze bangaphumi nawo, baye entendelezweni engaphandle, ukuba bangcwalise abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waqhubeka wathi kum: “Le yindawo apho ababingeleli baya kuphekela khona idini letyala nedini lesono, apho baya kuphekela khona idini elinyukayo; ukuze bangayikhuphi ngaphandle, ukuba bangcwalise abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yathi ke kum: “Le ndawo kulapho ababingeleli baya kupheka khona amadini etyala nawesono, baze boje khona umnikelo wokutya, khon' ukuze bangezi nayo kwinkundla engaphandle, baze ngokwenza njalo babeke abantu esichengeni.”