Ezekiel 46:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ekuzeni kwabantu belizwe pambi kwoyehova, emitendelekweni engcwele, lowo ungenayo ngendlela yesango lasenode ukuza kubedesha, uya kupuma ngendlela yesango lasesuyide; nalowo ungenayo ngendlela yesango lasesuyide, uya kupuma ngendlela yesango lasenode; akayi kubuya ngendlela yesango abengena ngalo, koko eya kupuma malungana nalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuzeni ke kwabantu belizwe eli phambi koYehova ngamaxesha amisiweyo, ongene ngendlela yesango langasentla, esiza kunqula, wophuma ngendlela yesango langasezantsi; ongene ngendlela yesango langasezantsi, wophuma ngendlela yesango langasentla;akayi kubuya ngendlela yesango angene ngalo; bothi gca ukuphuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ekufikeni kwabantu belizwe phambi koYehova ebudeni bemithendeleko, lowo ungena ngeSango laseMntla ukuze athandaze uya kuphuma ngeSango lasemzantsi; yaye lowo ungena ngesango lasemzantsi uya kuphuma ngesango lasemntla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Xeshikweni abantu belizwe beze phambi koNdikhoyo ngexesha lemisitho emiselweyo, umntu othe wangena ngesango langentla eze kunqula kufuneka aphume ngesango langezantsi; othe wangena ngesango langezantsi kufuneka aphume ngesango langentla. Akukho mntu uya kuphuma ngesango ebengene ngalo, kodwa umntu ngamnye makaphume ngesango elijongene nalo.