Ezekiel 47:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
YANDULA yandibuyisela elucangweni lwendlu; kekaloku nanga amanzi epuma ngapantsi kwomnyango ngasempumalanga, ngokuba umpambili wendlu ububeka ngasempumalanga; ati amanzi lawo ehla ngapantsi, kulo elokunene icala lendlu, kwelasesuyide lesibingelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wandibuyisela emnyango wayo indlu; nanko, kuphuma amanzi ngaphantsi kombundu womnyango wendlu leyo, esinga ngasempumalanga; ngokuba ubuso bayo indlu bebungasempumalanga.Amana esihla amanzi, evela ngaphantsi, ecaleni lokunene kwindlu leyo, ngasezantsi kwesibingelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yandibuyisela emnyango wayo indlu; Ndabona amanzi ephuma phantsi komnyango wendlu, esingise empumalanga; ngokuba umphambili wendlu ubumi ngasempumalanga, amanzi abe evela ezantsi ecaleni lasempumalanga kuyo indlu, ngecala lasezantsi leziko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaza indoda yabuya nam, saya ekungeneni kwendlu kaThixo, ndabona amanzi empompoza phantsi komgubasi wendlu kaThixo, esiya ngasempumalanga. (Kaloku indlu kaThixo yayijonge empumalanga.) Amanzi ayesihla ephuma ngaphantsi kwicala elisemazantsi endlu kaThixo, emazantsi eqonga lamadini.