Ezekiel 47:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangasemlanjeni, elunxwemeni lwawo ngelicala nangeliya iya kumila yonke imiti yokudla, egqabi lingayi kubuna, nesiqa̔mo singayi kupela; ngenyanga zayo iya kutwasisa ukuhlanza, ngokuba amanzi ayo epumile kweyingcwele indawo; kanjalo isiqa̔mo sayo soba sesokutyiwa, negqabi layo loba lelokupolisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kophuma phezu komlambo, phezu kodini lwawo, ngapha nangapha, imithi yonke edliwayo. Amagqabi ayo akayi kubuna, zingapheli iziqhamo zayo; iya kuvuthwa iziqhamo ezitsha ngeenyanga zonke; ngokuba amanzi awo wona aphuma engcweleni.Iziqhamo zayo ziya kuba zezokudliwa, namagqabi ayo abe ngawokuphilisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kufuphi nomlambo, ngaseludinini lwawo, ngapha nangapha, yonke imithi iya kuhluma edliwayo, engabuni amagqabi, nesiqhamo sawo singatshi; liya kuthwala isiqhamo esitsha ngeenyanga zalo, ngokuba amanzi alo aphuma engcweleni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Macala omabini omlambo kokhula imithi yeentlobo ngeentlobo zeziqhamo. Amagqabi ayo akayi kutshaza; yosoloko inika iziqhamo. Iya kunika iziqhamo zonke iinyanga kuba ifumana amanzi aphuma endlwini kaThixo. Iziqhamo zayo ziya kuba kukutya, wona amagqabi abe liyeza.”