Ezekiel 47:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, niya kulenzela iqashiso libe lilifa kuni, nakubo abasemzimi abapambukeleyo pakati kwenu, abazeleyo abantwana pakati kwenu; babeya kuba njengabazelweyo elizweni kuni pakati kwosapo luka‐Sirayeli; baya kwamkela ilifa ndawonye nani pakati kwezizwe zo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ke nilabe ngamaqashiso, libe lilifa kuni, nakubasemzini, abaphambukela kuni, abazele oonyana phakathi kwenu. Kuni boba njengabazalelwe kuloo ndawo abaphakathi koonyana bakaSirayeli; bolamkela ngamaqashiso ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli kunye nani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lahlula ngamaqashiso, libe lilifa kuni, nakubaphambukeli abaphambukele kuni, abazele oonyana phakathi kwenu; kuwe baya kuba njengabazalelwe kwelo zwe phakathi koonyana bakaSirayeli; aya kudla ilifa ndawonye nawe phakathi kwezizwe zakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niya kuwaba ube lilifa lenu nelabangeneleli abêma phakathi kwenu kwasebuntwaneni. Niya kubathatha njengamaSirayeli othuthu; njengani ke baya kwabelwa ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli.