Ezekiel 47:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yabuya yalinganisa iwaka; ubungumlambo endakohlwa kukuwela: ngokuba amanzi ebenyukile, amanzi okudadwa kuwo, umhlambo obungenakuwelwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walinganisa iwaka, aba ngumlambo endingenakuwuwela; ngokuba amanzi ahamba phezulu, amanzi aba ngawokudadwa, umlambo ongenakuwelwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Walinganisa iwaka; ibingumlambo endingenakuwuwela, kuba amanzi ebenyuka njengamanzi odada, njengomlambo ongawelekiyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona ilinganise amanye amakhulu amahlanu eemitha, kodwa ngoku safika ingumlambo endingenakuwuwela, kuba amanzi ayephezulu, unzulu kangangokuba umntu wayengadadayo – akukho mntu wayenokuwela ngeenyawo ngoku.