Ezekiel 47:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuya kuti, zonke izinto ezipilileyo, ezinambuzelayo, apo isukuba isiza kona imilambo leyo, ziya kupila; kwakuya kubako into eninzi yentlanzi, ngokokuba eya kuza kona amanzi la; aeya kupiliswa, kuti konke apo umlambo uya kuza kona kupile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuye kuthi ke, yonke imiphefumlo ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile;zibe zininzi kunene iintlanzi; ngokuba efikile khona la manzi, ophiliswa lawa; iphile yonke into ofike kuyo umlambo lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi ke, yonke into ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile; zibe zininzi kunene iintlanzi; ngokuba osuka efike khona la manzi, ngokuba ophiliswa; kwaye yonke into iya kuphila apho ufika khona umlambo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho lo mlambo uqukuqela khona kubakho inkitha yezilo ezihlala khona. Ziya kuba ninzi kakhulu iintlanzi, kuba apho la manzi angena khona amanzi amtyuba ayajika abe nokuselwa; ngako oko apho ucanda khona zonke izinto ziya kuphila.