Ezekiel 48:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umnikelo wonke woba ngamawaka angamashumi mabini anamahlanu ngamawaka angamashumi mabini anamahlanu: unamacala mane niya kunikela umnikelo ongcwele, kunye nemfuyo yesixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umrhumo wonke woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ububanzi;isahlulo sesine somrhumo ongcwele nosirhumela ukuba sibe sesomzi lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umnikelo wokudla okuziinkozo uphela ube ngamashumi amabini anesihlanu amawaka, anamashumi amabini anesihlanu amawaka; ninikele umnikelo wokudla ongcwele kwangokunjalo nangempahla yesixeko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuba ngumhlaba omacala alinganayo alishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha kwicala ngalinye. Umhlaba okhethekileyo nalowo wabelwe isixeko uya kuba ngumnikelo owodwa.