Ezekiel 48:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuyo imfuyo yaba‐Levi, kuyo imfuyo yesixeko, pakati kw endawo eyeyenkosi, pakati kwomda ka‐Juda nomda ka‐Benjamine, londawo yoba yeyenkosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthabathela ke enzuzweni yabaLevi, kuthabathela enzuzweni yomzi, esazulwini senzuzo yesikhulu, phakathi komda kaYuda nomda kaBhenjamin, koba kokwesikhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kumhlaba wabaLevi, ukususela kumhlaba wesixeko, phakathi komda wenkosi, phakathi komda wakwaYuda nomda wakwaBhenjamin, kuya kuba ngowokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke umhlaba wabaLevi nomhlaba wesixeko uya kuba sesazulwini somhlaba wenkosi. Umhlaba wenkosi uya kuthi xhaxhe ngomda wakwaJuda kwelinye icala, uze uthi xhaxhe ngomda wakwaBhenjamin ngelinye.