Ezekiel 48:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangasemdeni ka‐Juda, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga, wobako umnikelo eniya kunikela ngawo, obubanzi bungamawaka angamashumi mabini anamahlanu engcongolo, nobude bunjengesinye sezabiwo, kwa secaleni lasempumalanga kude kube secaleni lasentshonalanga: kanjalo eyingcwele indawo yoba pakati kwawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngasemdeni kaYuda, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga, yoba ngumrhumo eniya kuwurhuma;ube ngamawaka angamashumi amabini anamahlanu eengcongolo ububanzi, ubude ke bube njengobesinye isahlulo, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kude kuye ecaleni lasentshonalanga;ingcwele isesazulwini sawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngasemdeni wakwaYuda, kuthabathela kumda wasempumalanga, kuse kumda wasentshona, umrhumo oya kuwuzisa woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka eekubhite ububanzi, nobude bulingane nelinye icala, ukuthabathela empumalanga kuse entshonalanga nengcwele iya kuba kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Umhlaba oyamene nokaJuda ukusuka empumalanga kuye entshonalanga uya kunikelwa kuNdikhoyo. Ububanzi bawo buya kuba lishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, buze ubude bawo ukusuka empumalanga kuye entshonalanga bulingane nobude bomhlaba wesizwe esinye. Ke sona isibingelelo siya kwakhiwa esazulwini sawo.