Ezekiel 5:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NAWE, nyana woluntu! zitabatele iṙele elibukali; isitshetshe sabaguyi wositabatela kuwe, usidlulise pezu kwentloko yako napezu kwodevu lwako; wandule uzitabatele izilinganiselo zokulinganisa, uzahlule inwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, nyana womntu, thabatha ikrele elibukhali, libe sisitshetshe sokuguya, ulihambise entlokweni yakho nasesilevini sakho, uthabathe isikali sokulinganisela, uzahlule iinwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, nyana womntu, thabatha ikrele elibukhali, uthabathe icala lencakuba, uligqithisele entlokweni yakho, nasesilevini sakho; ngoku thatha isikali sokulinganisa kwaye wahlule iinwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoko ke, mntundini, thatha ikrele elibukhali, ususe ngalo iinwele zakho neendevu zakho ngokungathi liyimela yokugugula. Uze uthathe isikali, wenze imilinganiso ngemilinganiso yeenwele ezo.