Ezekiel 5:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, oyise baya kutya onyana pakati kwako, nonyana baya kutya oyise babo; ndandiya kuyenza kuwe imigwebo, naso sonke isisalela sako ndosicitela kuyo yonke imimoya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko ooyise baya kudla oonyana esazulwini sakho, oonyana badle ooyise; ndenze izigwebo, ndiwachithachithe onke amasalela akho emimoyeni yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko ooyise baya kudla oonyana phakathi kwenu, oonyana badle ooyise; Ndiza kukuwisa izigwebo ndize ndiyichithachithe yonke intsalela yakho koomoya bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, kuwe ooyise baya kudla abantwana babo, abantwana badle ooyise. Ndiya kukohlwaya, ndize amasalela ndiwasarhaze emoyeni.