Ezekiel 5:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, ndihleli nje, itsho inkosi e nguyehova, ngenyaniso, ngokokuba indawo yam eyingcwele uyinco̔lisile ngazo zonke izinto zako ezitiyekileyo, nangazo zonke izinto zako ezibuntshontsho, kukona nam ndiya kususa; iliso lam aliyi kuba nosizi, andiyi kuba nenceba kanjako!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, ngenxa enokuba ingcwele yam uyenze inqambi ngeento zakho zonke ezinezothe, nangamasikizi akho onke, nam ndiya kulisusa iliso lam, lingabi nanceba, ndingacongi nam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke ndadla ubomi, itsho iNkosi uYehova; Ekubeni ingcwele yam uyenze inqambi ngamasikizi akho onke, nangamasikizi akho onke, ndokuthoba; aliyi kuba nanceba iliso lam, ndingabi nazintloni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna ngokwam ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, njengokuba ungcolise isibingelelo sam esingcwele ngezithixo zakho ezinezothe nangezenzo zakho ezingamasikizi, ndiza kuzirhoxisa iimfefe zam kuwe; andiyi kuba naluvelwano.