Ezekiel 5:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isahlulo sesitatu sako, ngesifo esibubisayo baya kufa, nangendlala baya kugqitywa pakati kwako; nesahlulo sesitatu, ngeṙele baya kuwa ngokukungqonga; nesahlulo sesitatu, ndobacitela kuyo yonke imimoya, neṙele ndolir̔olela emva kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isahlulo sesithathu kuwe siya kufa yindyikitya yokufa, siphele nayindlala esazulwini sakho; esinye isahlulo sesithathu siwe likrele ngeenxa zonke kuwe; esinye isahlulo sesithathu ndisichithachithe emimoyeni yonke, ndirhole ikrele emva kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isahlulo sesithathu kuni siya kufa yindyikitya yokufa, yaye siya kutshatyalaliswa yindlala phakathi kwenu; isahlulo sesithathu siya kuwa ngumkhonto ecaleni kwakho; esinye isahlulo sesithathu ndisichithachithe emimoyeni yonke, ndirhole ikrele emva kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isahlulo sesithathu sabantu bakho siya kufa ngubhubhani okanye sitshabalale yindlala phambi kwakho; esinye isithathu siya kubulawa ngekrele ngaphandle kweendonga zesixeko; esokugqibela isithathu ndiya kusisarhaza emoyeni, ndisileqe ndiqhiwulé ikrele lam.