Ezekiel 5:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ingqumbo yam iya kugqitywa, nomsindo wam ndowupumza pezu kwabo, ndandule ndizitutuzele; babeya kwazi ukuba mna Yehova nditetile ngobukwele bam, ndakugqiba umsindo wam pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wophelela ke kubo umsindo wam, ndibupholisele kubo ubushushu bam, ndithuthuzeleke; bazi ukuba mna Yehova ndithethe ndinekhwele, ekubuphleleliseleni ubushushu bam kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wophela ke umsindo wam, ndibeke umsindo wam kubo, ndize ndithuthuzeleke; bazi ukuba mna, Yehova, ndithethile ngenzondelelo yam, emva kokuba ndiwukhuphele kubo umsindo wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Emva koko ke uya kuphela umsindo kum, nokuqumba kuthothe, kuba ndiya kuba ndiziphindezele. Xa ingqumbo yam ndiyikhuphele kubo baya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndiqhutywa likhwele lam.