Ezekiel 5:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, ndiya kutuma pezu kwenu indlala, namaṙamncwa, aya kunihluta abantwana; kanjalo isifo esibubisayo negazi liya kucanda kuwe; ndandiya kuzisa iṙele pezu kwako: mna Yehova nditetile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndithume phezu kwenu indlala namarhamncwa, akuhluthe abantwana, ifikelele kuwe indyikitya yokufa negazi, ndikuzisele ikrele; mna Yehova ndithethile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuthumela kuwe indlala namarhamncwa, akuphange; idlule phezu kwakho indyikitya yokufa negazi; ndinizisele ikrele. Mna Yehova ndithethile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kunithumela ngendlala namarhamncwa, nize nisale ningenabantwana. Niya kuba sisisulu sikabhubhani nokuphalala kwegazi, kuba ndiya kulithumela kuni ikrele. Mna Ndikhoyo ndithethile.”