Ezekiel 5:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yavukela ngakuzo izigwebo zam ngokukohlakeleyo ngapezu kwezizwe, nangakuyo imimiso yam ngapezu kwamazwe ayingqongayo; ngokuba izigwebo zam bezidelile, nemimiso yam bengahambanga ngayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, abahamba ngemimiselo yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyicekisile imithetho yam ngaphezu kweentlanga, nemithetho yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuye; ngenxa yokuba bayicekisile imiyalelo yam nemithetho yam, abahamba ngayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ngenxa yenkohlakalo yayo iyivukele imithetho nemimiselo yam nangaphezu kweentlanga namazwe ayirhangqileyo. Iyibukule imithetho yam, yayityeshela imimiselo yam.