Ezekiel 5:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe kwa mna, ndandiya kuyenza pakati kwako imigwebo emehlweni ezizwe ezo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, mna, ewe mna, ndikuchasile; ndiya kwenza izigwebo esazulwini sakho emehlweni eentlanga;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kulwa nani, ndenze izigwebo kuni emehlweni eentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaqhuba iNgangalala iNkosi uNdikhoyo yathi: “Ke ngoko mna ngokwam ndiyalwa nawe, Jerusalem, ndaye ndiza kukohlwaya iintlanga zijongile.