Ezekiel 6:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Beta ngesandla sako, ungqishe ngonyawo lwako, uti: Au! ngenxa yazo zonke intshontsho ezikohlakeleyo zendlu ka‐Sirayeli; ngokuba beya kuwa ngesiṙele, ngendlala, nangesifo esibubisayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Betha esandleni sakho, ungqishe ngonyawo lwakho, uthi, Yeha! ngenxa yawo onke amasikizi amabi endlu kaSirayeli; kuba baya kuwa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Qhwabanisa isandla sakho, unyathele ngonyawo lwakho, usithi, Yeha, kuwo onke amasikizi endlu kaSirayeli! ngokuba baya kuwa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ithi iNgangalala iNkosi uNdikhoyo: Betha ngesandla sakho, ungqishe ngonyawo, uthi: ‘Yeha!’ ngenxa yamanyundululu endlu kaSirayeli, kuba baya kufa ngekrele, ngendlala, nangobhubhani.