Ezekiel 6:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lowo ukude wofa ngesifo esibubisayo; nalowo ukufupi wowa ngesiṙele; nalowo useleyo, ovingcelweyo, uya kufa ngendlala; kwa njalo ndiya kugqiba umsindo wam pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okude uya kufa yindyikitya yokufa, okufuphi awe likrele, nosale walondolozwa afe yindlala; ndibuphelelisele kubo ubushushu bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okude uya kufa yindyikitya yokufa; okufuphi uya kuwa ngomkhonto; yaye lowo uhlala elinganiselwe uya kufa yindlala; ngoko ke ndiya kubukhuphela ubushushu bam kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Okude uya kufa ngobhubhani; okufutshane uya kufa ngekrele; othe wasinda uya kufa yindlala. Ndiya kwenjenjalo ke xa ndiwukhuphela kubo umsindo wam.